Ifunyenwe inetyala inkokheli yombutho weEFF uJulius Malema, yinkundla kamantyi yaseMonti, eMpuma Koloni, ngelixa atyholwa naye uAdriaan Snyman efunyenwe engenatyala. Iingxoxo ezandulela isigwebo zimiselwe umhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMqungu kunyaka ozayo. U-Malema uzakulinda imini yesigwebo engaphandle. Ebejamelene netyala lokudubula umpu eMdantsane ngo2018, ngelixa lombutho ubhiyozela ukufinca kweEFF iminyaka emihlanu yasekwayo.