Oyintloko yamapolisa akwamasipala uJabulani Mapiyeye, unikezela ngobungqina kwikomishoni ka Madlanga. Lekomishoni iphanda izityholo zorhwaphilizo, ubuqhophololo kwakunye nongenelelo lwepolitiki, kwimiba yecandelo lobulungisa. Ubungqina obusele buvelile kule komishoni ukuzakuthi ga ngoku, buveze ukuba izithuthi zika Vusumuzi "Cat" Matlala, zazibhaliswe phantsi kwegama likamasipala.