UGregory Loftus nongutata ka Bevan Loftus ongasekhoyo owaye nenkampani yokutsala izithuthi ezonakeleyo, uxelele ikomishoni kaMadlanga ukuba unyana wakhe wabulawa ngamapolisa ngabom. Le komishoni isaqwalasele ubungqina ngezityholo zamaqela oonqevu asebenza KwaZulu-Natal, kuquka amagosa esipolisa atyholwa ngokubulala ngabom nokungekho semthethweni.