Obesakuba yintloko kwicandelo elijongene nobuqhophololo kwigunyabantu lezotshutshiso uAdvocate Andrea Johnson uphekwa esophulwa ngemibuzo ngobungqina awathembela ngabo, ukuze agqibe ukuba kwenziwa umkhonyovu kwinkqubo yokuhlolwa kwabo baqeshwayo bawulungele na umsebenzi. UJohnson urhoxe ngokukhawuleza kwisikhundla sakhe, kwaye uyokugqibezela ubungqina bakhe kule komishoni kaMadlanga ePitoli.