Ingene kusuku lwesithathu inkqubo yophando lwesizwe malunga neendlela ezixelwa ngayo iziganeko zokuxhatshazwa kwamanina, inkxaso ngakumaxhoba, uphando nenkqubo yobulungisa nokuba aqhutywa njani na amatyala phambi kokuba axoxwe kulwaphulo-mthetho nobundlobongela obusekelwe kwisini, nokubulawa kwabasetyhini eMzantsi Afrika.