Umbutho iDA umelela ukuba ucinywe umthetho ojongene nophuhliso lwezoqoqosho lwabantu abamnyama ababevinjwe amathuba ngaphambili, iBlack Economic Empowerment(BEE), iBEE ngamafuphi. Lo mbutho uthi lo mthetho uphelise imisebenzi, ukhuthaza ubuqhophololo kwaye uxhamlise abantu abanxulumene nezopolitiko. IDA ikuthethe oku kwinkomfa noonondaba kundlunkulu wayo eBruma, kwiMpuma yeRhawuti kwaye idize iinkcukacha zomthetho osayilwayo weEconomic Inclusion for All. Lo mbutho uphikisayo umemelela ukuba kubekwe amanyathelo okuphelisa iKhomishoni yalo mthetho kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini.