Abahlali base Bronkhorstspruit bayalunyukiswa ukuba bangasebenzi, bavase okanye basele amanzi aphuma kwiimpompo zabo zamanzi. Oku kuza emva kweengxelo zabantu ababalelwa kumakhulu amane anesibhozo, abaye balunywa sisisu emva kokusela amanzi eTshwane, nekuquka kubo abantwana abaneminyaka engaphantsi kwesine ubudala.