Nangona izakuphinde ibe nendibano kunye neANC kweyoMqungu kunyaka ozayo ukuxoxa ngesigqibo sayo sokuzigqatsela unyulo loorhulumente bamakhaya ngo 2026, uNobhala Jikelele weSACP uSolly Mapaila uthi ukuzimela kwabo kolu lonyulo yinto elindelekileyo. Lo ka Mapaila ebesenza ingxelo yombutho kwiNkongolo ekhethekileyo yesihlanu yabo nebibanjelwe eBoksburg, kwimpuma yeRhawuti. UMapaila uthi emva kokuphoxwa ngamahlakani eANC iminyaka, akukho kubuya mva kwisigqibo sabo senkongolo kazwelonke ka-2022, sokuba bazimele kunyulo. Amanye amalungu amahlakani eANC, iCosatu kunye neSANCO kwakunye nowayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki, umntakwabo uMoeletsi kunye nosomashishini uPatrice Motsepe, bazimase le ndibano yeentsuku ezine nequkunjelwe izolo.