Abahlali baseZithobeni, Bronkhorstspruit, Dark City, Rethabiseng nase Sokhulumi eTshwane bayabongozwa ukuba bangawaseli amanzi etepu kamasipala, kodwa bangawasebenzisa kwezinye izinto, emva kwenkxalabo yongcoliseko. Oku kulandela ukuchazwa kweziganeko ezingaphaya kwamakhulu amane zosuleleko sisifo i-gastrointestinal, phakathi komhla wesixhenxe noweshumi elinesibhozo kule nyanga, kwaye abo bachaphazeleke ngamandla ngabantwana abangaphantsi kweminyaka emine ubudala. Kodwa akukachazwa ziganeko zokusweleka kwabantu. Ngethuba lendibano nabeendaba izolo, amagosa karhulumente kuzwelonke, kwiphondo nakwesisixeko avakalise amanyathelo azakuthatyathwa ukuvavanya la manzi kwanobonelelo lwamanzi akhuselekileyo. Ingxelo kaMusa Mhlongo siyilungiselelwe nguYolanda Kambile....