Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

LAPHUMA - TRAFFICKING SOCIAL DEVELOPMENT

View descriptionShare
 

Umhlobo Wenene Current Affairs

Umhlobo Wenene Current Affairs
2,451 clip(s)
Loading playlist

Isebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni, likhuphe isilumkiso ngomkhuba wokuxhwilwa nokushishina ngabantu, ingakumbi abantwana. Oku kulandela ukubuyiselwa ngokuyimpumelelo kweli loMzantsi Afrika kweentwazana ezimbini ukusuka kwilizwe iMalawi. La mantombazanana eliphondo, naneminyaka elithoba nelishumi elinesihlanu ubudala, abuyiselwe kweli lizwe emva kokuchitha phantse iminyaka emibini eMalawi. Esamkela ezintwazana kwisikhulo seenqwelomoya iOR Tambo eGauteng ngoLwesine weveki ephelileyo, umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu uDina Pule, uthe anyhashiwe amalungelo azo kwaye zivinjwe nelungelo lemfundo. UPule uthe thaa ca iinkcukacha ngendlela abathathwa ngayo aba bantwana kusapho lwabo. Oku kuvuselele inkxalabo yokhuseleko loluntu ingakumbi amanina nabantwana. Ngokwengxelo, ngabantwana abangaphaya kwamashumi amabini esele bebuyiselwe kwelilizwe emva kokuxhwilelwa kwamanye amazwe. Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta, uwugxeke ngamandla lomkhuba watsho elumkisa uluntu ukuba luhlale luvundlile. Ukuwushukuxa banzi lomba, sihleli nomlawuli kwicandelo elijongene namaxhoba kwisebe lophuhliso loluntu loluntu eMpuma Koloni, uNozibele Nkatsha...

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,852 clip(s)