Ikomiti ejongene nemicimbi yophuhliso loluntu epalamente, iwagxekile amanyathelo okuphelisa urhwaphilizo abekwe yi ofisi kaNondyebo ngakwi arhente yesibonelelo soluntu u-SASSA. Le komiti ithi la manyathelo azakuchaphazela kakubi abantu abaninzi abaxhamla isibonelelo sikarhulumente, ingakumbi abantu abadala abahlala emaphandleni. Usihlalo wale komiti, uBridget Masango, uthi i-ofisi kaNondyebo imilisele imiqathango emitsha engqongqo kulwabiwo lwemali kwaSASSA. Oku kuquka ingxelo yarhoqo ngekota ngezibonelelo ezinqunyanyisiweyo, ezicinyiweyo okanye ezihlaziyiweyo, kwanokuqinisekisa ukuba esi sibonelelo siya kulowo ufanele ukuxhamla. Sihleli nosihlalo wale komiti, uBridget Masango...