Umongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ngesicwangciso sokuqubisana ngendlela eyiyo nempathombi esekelwe kwisini kwanokubulawa kwamanina eMzantsi Afrika. Oku kulandela ukubulawa kwamanina alishumi elinesibini kwezinye iindawo zaseEkurhuleni kwimpuma yeRhawuti kwezi nyanga zimbini zigqithileyo. Ngethuba ethetha nesizwe kwizakhiwo zikarhulumente phezolo, uRamaphosa uyalele ii-arhente zonyanzeliso mthetho ukuba zigxile kumatyala angekasonjululwa empathombi esekelwe kwisini, ukunciphisa ulibaziseko kwinkqubo yokuhlolwa kweDNA, kwanokuba oomasipala kufuneka bachonge iindawo ezinobungozi obukhulu ukuqinisekisa ukhuseleko lwabasetyhini xa behamba kwaye bebaleka phakathi kwezinye izinto. Ingxelo kaNtebo Mokobo iza noZandiswa Mkancu...