Umbutho wabasebenzi bezonxibelelwano, iCommunication Workers Union, umemelela kurhulumente ukuba akuphe isixa mali awayethembise ngaso ukuze kumiliselwe isicwangciso sohlangulo lweposi yoMzantsi Afrika. Esi simemelelo silandela isibhengezo sokubhangiswa kwenkonzo yeposi ngamagosa enkqubo yohlangulo. Ngaphambili, urhulumente waathembisa ngokukhupha imali ebalelwa kwi R3.8 yee bhiliyoni zerandi ukuze kumiliselwe ngokupheleleyo isicwangciso sokuvuselelwa kweposi, kodwa loo mali ayikakhutshwa kunanamhlanje. Sihleli nophuma kulo mbutho uThami Mzeleni...