Ingxelo yeziphumo zophando lwebhunga i-Human Sciences Research Council, ibonisa ukwehla ngokuxhalabisayo kwentembeko yoluntu kwinkonzo yesipolisa kweli. Oluphando lubonisa ukuba iye isehla intembeko yoluntu kwinkonzo yesipolisa kuleminyaka ingamashumi amabini egqithileyo. Ngumyinge wamashumi amabini anesibini weepesenti kuphela wabemi beli ababonise intembeko kwinkonzo yesipolisa kunyaka u2022, kwaye oluphando aluguqukanga kakhulu kunyakamali u2024/2025. Ngokoluphando, inyhikityha yokubulawa kwabembi mgodi eMarikana ngo2012 ngomnye woonobangela bokwehla kwentembeko yoluntu kumapolisa. Sihleli nophuma kwicandelo lophando i-Developmental, Capable and Ethical State phantsi kwebhunga lophando i-Human Sciences Research Council, ugqirha Ngqapheli Mchunu....