Umbutho woMkhonto weSizwe uphume elubala ukhusela inkokeli yawo, uJacob Zuma. Oku kuza emva kokuba owayengu mongameli weli uThabo Mbeki, ngexesha esenza intetho kwinkomfa yephiko lamagqala omkhosi we ANC, uMkhonto weSizwe Liberation War Veterans (MKMLV), ebibanjelwe kwiphondo lase Freystata ngempelaveki, ebange ngelithi uZuma wayesebenzela urhulumente wengcinezelo. UMbeki uphinde wagxeka uZuma ngokuba iANC iphulukane neevoti ezininzi kunyulo obelubanjwe ngo 2024.