INTRO: Ikomishoni kamakulinganwe ngokwesini iGender Equality Commission, ikhuphe ingxelo yophando ebonakalisa ukuba abafundi abenza unyaka wokuqala kumaziko emfundo ephakamileyo, baba ngamaxhoba okuxhatshazwa ngokwesondo kwaye baphathwa gadalala. Ngokwalengxelo, oku kwenzeka ixesha elininzi xa abafundi abatsha besafika kulamaziko emfundo bedinga iindawo zokuhlala, nalapho batyhola abo basemagunyeni esikhokhelo sabafundi, iSRC ukutsho, ngokubafuna intlawulo yesondo ukuze babe bayabanceda.