INTRO: Njengoko ijelo leendaba iSABC News lisaqhuba nephulo lalo lokuqwalasela indima eyenziwe ngumgaqosiseko weli ogqibe iminyaka engamashumi amathathu ngomhla wesibhozo kuCanzibe kulo umiyo, elibizwa #30For30, namhlanje siqwalasela umxholo othi "Justice and Protection Under Law". Imixholo yeliphulo igxile kwiinkalo ezahlukileyo kwaye ivelela indima eyenziwe ngumgaqosiseko kule minyaka ingamashumi amathathu. Umxholo walenyanga ungqamene nenkqubo yobulungisa kunye nokhuseleko phantsi kwayo. Ngolurhatya sijonga lomxholo.