Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - RAMAPHOSA REAX

View descriptionShare
 

Eminye imibutho yezopolitiko ePalamente, ithi iyaliqwalasela inyathelo likaMongameli Cyril Ramaphosa, lokucel'umngeni ezinkundleni, ingxelo yegqiza elizimeleyo likaSection 89. Nangona kunjalo, le mibutho ithi kumele uqhube umsebenzi weKomiti, esekelwe ukuphanda ukuba makashenxiswe kusini na uMongameli, esikhundleni sakhe. Kungokunje, uMongameli sele ewafake ngokusesikweni amaphepha kwinkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni, ukuze iqwalasele lengxelo engebholo lasePhala Phala. Le ngxelo, yaafumanisa ukuba uMongameli kufuneka ephendule ngesiganeko sokuqhekezwa kwefama yakhe, iPhalaphala, eLimpopo, kweyoMdumba ngo2020, nalapho kwabiwa imali ezidollar zaseMelika. Ngalomzuzu, uMongameli ufuna nje kuphononongwe lengxelo, hayi ukuba kumiswe inkqubo yekomiti yePalamente. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,307 clip(s)