Kukho ukungaboni ngasonye phakathi komphathiswa wesebe leenkonzo zoluleko uGqirha uPieter Groenewald kwakunye namalungu ekomiti yasePalamente, malunga nokuba semthethweni kokuqeshwa kwabo bonke abo bebefudula besebenzela inkampani yokhuseleko iG4S, kwiziko loluleko iG rootvleieMangaung. Isebe lithathele kulo eli ziko kweyeKhala kulo nyaka. Isivumelwano sengqesho seminyaka engamashumi amabini anesihlanu nenkampani yokhuseleko yabucala, sifikelele esiphelweni kulandela ukuqhwesha ngendlela engaqondakaliyo kwebanjwa uThabo Bester.
Abo bebefudula bengabasebenzi benkampani iG4S base isebe enkundleni ngokungaqeshi bonke abo bebefudula besebenzela le nkampani. Isigwebo senkundla yezabasebenzi senyanga kaCanzibe sathi isebe malibuyisele bonke abo bebefudula besebenzela iG4S, kodwa isebe lithi liceba ukubhena kwesi sigwebo. Isebe kuquka noGroenewald, bebengenalwazi ukuba sichithiwe isicelo sabo sokubhena ebutsheni banamhlanje.




