Osisikhulu kwicandelo leetaxi eMpumalanga uJoe "Ferrari" Sibanyoni, uxelele ikomishoni kaMadlanga ukuba ukumbuza ngetyala lolwaphulo mthetho laseDelmas kunganyhasha amalungelo akhe. USibanyoni ojongene nezityholo zokunyanzelisa ukunikwa intlawulo, ukugudisa imali eze ngondlela mnyama, uxoxe ngelithi iinkcukacha zeli tyala zifanele ukuyekelwa ezinkundleni ukuze zithathe isigqibo ngeziphumo zalo. Uhambise wathi ukuba unokufunyanwa enetyala, ukuhlatywa imibuzo ngokhokhele ubungqina kule komishoni u Advocate Matthew Chaskalson, kwakuba kube negalelo ekumbekeni ityala.