Abahlali kwimimandla yamatyotyombe kuGatyane kwiphondo iMpuma Koloni, bathi baphila ubomi bentshontsho kulandela iziganeko zokubulawa kwabantu ezigubungele le dolophu nemimandla eyingqongileyo. Aba hlali batyhola ngelithi abophulimthetho benza unothanda, abantu bayabulawa, kwaye akukho bani ubanjwayo ngezi zenzo. Kwisiganeko sakutshanje sokudutyulwa kwabantu abaninzi, ngabantu abahlanu abaphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe namashumi amabini anesibini ubudala abaye badutyulwa bengaphakathi egumbini eliqeshisayo, kwiveki ephelileyo.