Ngexesha kulungiselelwa unyulo lokuqala phantsi korhulumente wentando yesininzi ngonyaka ka-1994, owayegaqele isikhundla sokuba nguMongameli, uNelson Mandela, kwakunye nombutho we ANC, basebenzisa amazwi ayenikeza ithemba lobomi obungcono kuye wonke umntu "A Better life for all", ngolwasemzini. La ngamazwi ayesetyenziswa ukugaya inkxaso, kwaye uMandela waye wawasebenzisa nasemva kokuba enyulwe njengo Mongameli. Ngamazwi ke athi anikeza ithemba lokwakhelwa koluntu izindlu, ukufakelwa umbane namanzi, ukuphucuka koqoqosho, ukukhululeka kunye nokukhuseleka, kwezinye izinto. Kungoku nje, emva kweminyaka engamashumi amathathu uMzantsi Afrika unomgaqosiseko owasungulwa phantsi korhulumente wentando yesininzi, kusekuninzi okukhalazelwa ngabemi beli ngenxa yemingeni equka ulwaphulo mthetho, intswela ngqesho, ukusilela kokuhanjiswa kweenkonzo zoluntu, ukungalingani kwakunye nokungaphucuki koqoqosho ngokugqibeleleyo. Kwiphulo lejelo losasazo loluntu iSABC eliqaphela iminyaka engamashumi amathathu yomgaqosiseko elithi #30FOR30, ngorhatya lwanamhlanje siqwalasela umxholo osekelezelwe phantsi kweenkalo ezintathu "Ubomi, inkululekho kwakunye nokhuseleko".

APHA - TOPIC - JUSTICE AND PROTECTION UNDER LAW
29:08

APHA - MLEVE
03:13

ZIBUZWAKUTHI - WEEKLY WRAP
21:06