Umphathiswa kwiofisi kamongameli ejongene namanina, ulutsha nabantwana, uSindisiwe Chikunga, uthi amagosa onyanzeliso-mthetho mawaqinisekise uphando-nzulu kumsebenzi wawo, kwisityholo sokudlwengulwa komntwana oneminyaka esixhenxe ubudala eMatatiele, eMpuma Koloni. Le ntwazana kuvakala ukuba yadlwengulwa kweYeDwarha ngonyaka ophelileyo. UChikunga kunye nomphathiswa wophuhliso loluntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, bavakalise umothuko besakuva ukuba kukho abanye abantwana ababini kweli phondo, ekuquka kubo inkwenkwana eminyaka emithandathu ubudala, ekutyholwa ngokuba badlwengulwa kwesinye isikolo sabucala, kule ndawo inye kunyaka ophelileyo.