Ukohluthwa komhlaba kubaniniwo nokufuduselwa kwabantu kwiindawo ezikude namathuba yinkqubo yobuKoloniyali, kubangele ukuba abanye abemi beli bangakwazi ukonwabela amalungelo abo aqulathwe kuMgaqo Siseko, kuquka ukufikelela kwizindlu neenkonzo ezingundoqo. Oku kuvakaliswe yiKomishoni yamalungelo oluntu kwingxelo yayo esandula kupapashwa esihloko sithi "Report of the Constitutional Dialogue on Land, Human Rights and Spatial Justice," eqwalasela ingxaki yokungalingani ngokwabiwa komhlaba, ukulibaziseka kweenkqubo ezijoliswe kwinguqu kwimiba yomhlaba, ukusilela ukwakhelwa kwabantu izindlu kwiindawo ezisondeleyo kwiinkonzo namathuba engqesho, kuquka nokubekelwa bucala kwamanina ekubeni abenenxaxheba ebonakalayo kulawulo lwemiba engomhlaba. Le Komishoni ithi nakuba ukohluthwa komhlaba iyinto eyenzeka ngexesha lengcinezelo, imiphumela isabonakala nakwelixesha siphila kulo. Ikwathi ngoku kukho neendlela ezintsha zokucinezela abantu eziquka ukufuduswa kwabo kumakhaya abo ngenxa yophuhliso, ukombiwa kwemigodi, okanye ukungakhuseleki okubangelwa lungcoliseko lwendalo, nalapho abantu abahlala kwimimandla yoogobityholo okanye abaqesha indawo yokuhlala iminyaka, bengafikeleli ekubeni ngabanini mhlaba. Ngolurhatya siqwalasela umgama ohanjiweyo kule minyaka yedemokhrasi ukuqubisana nemiphumela yokungalingani ngokwabelana komhlaba.