Kule nyanga yeThupha, uMzantsi Afrika ugqiba iminyaka engamashumi asixhenxe susela oko amanina angaphaya kwamawaka angamashumi amabini, abamba umngcelele osingise kwii Union Buildings ePitoli ngo 1956, apho ayekhalazela ukucalulwa ngokwesini kwakunye nebala, njengoko umgaqosiseko wexesha lengcinezelo wawuwanyanzelisa ukuba aphathe amapasi apho ahamba khona. Lamapasi ayethintela ukuba ahambe okanye asebenze kwezinye iindawo ezithile kweli. Kuthe xa kungena urhulumente wantando yesininzi ngo 1994, urhulumente waseka umgaqosiseko osekelezelwe kwiinkalo ezijolise ukukhusela isini, inkululeko yokuba amanina ahambe nokuba kuphi kwakunye nokuhlonitshwa kwempilo yabasetyhini yangasese, nto leyo ebenegalelo kwimpucuko yamanina kwezinye iinkalo zobomi. Nangona kunjalo, ngokwempilo ephilwa imihla ngemihla, kusekho imingeni ajongene nayo. Kwiphulo lejelo leendaba leSABC eliqwalasela indima eyenziwe ngumgaqosiseko weli ogqibe iminyaka engamashumi amathathu kulonyaka, elibizwa #30For30, namhlanje siqwalasela umxholo othi "Privacy, Identity and Freedom of movement" siwunxulumanisa nenyanga yamanina.