Ipalamente yoMzantsi Afrika, izakubamba inkomfa yamashumi amathandathu anethoba, yePalamente yamazwe anembono enye, ngezobuzwe, okanye ayesakubanga ngamathanga, (Commonwealth) ngolwasemzini, neza kubanjelwa kwiziko leengqungquthela lamazwe ngamazwe laseKapa, ukusukela ngomhla weshumi elinesithathu, ukuya kumhla weshumi elinesibhozo kweyoMsintsi. Le nkomfa, izakusingathwa yipalamente yoMzantsi Afrika, kunye nombutho i-Commonwealth Parliamentary Association. Le nkomfa, izakudibanisa ooSomlomo, amagosa awongameleyo, amagosa ePalamente, kunye namagosa epalamente aphuma mbombo zone zamazwe ayesakuba ngamathanga, ukuze batshintshiselane ngamava, nokuqinisa idemokhrasi yasepalamente. Umxholo walo nyaka uthi "Strengthening International Law, and Parliamentary Democracy, in a Changing World Order: Commonwealth Leadership".