Ilungu le ANC ePalamente uKhusela Diko, limile kwelokuba lo mbutho khange wenze isiphakamiso sokuba kuthathwe inyathelo ngakumkomishinala kazwelonke wamapolisa onqunyanyisiweyo, uGeneral Fannie Masemola, okanye umemelele ukubuyiselwa kwakhe emsebenzini. Oku kuvele ngethuba kushukuxwa ingxelo esaqulunqwayo yekomiti yethutyana yasePalamente ebiphanda ungenelelo lwepolitiki nolwaphulo mthetho kwinkqubo yobulungisa yeli. Kwiveki ephelileyo i ANC iphakamise ukuba ingxelo yale komiti kufuneka idakance ukuba uMasemola usilele ukufezekisa uxanduva olukumgaqo siseko weli, ngokungaceli umngeni kwisityholo somyalelo ongekho mthethweni awawunikwa ngumphathiswa wamapolisa okwikhefu elikhethekileyo uSenzo Mchunu, wokuba abhangise iqela elalimiselwe ukuphanda iziganeko zokubulalana ngokwayamene nepolitiki, kwakunye nokungaqeshi kwizithuba zengqesho kwicandelo lezobuntlola lolwaphulo mthetho.