Isiganeko sokubulawa kukaOlorato Mongale ngabantu ekuchazwa ukuba bebengaphandle ngebheyile ngamatyala afana neli, sivuse ingxoxo-mpikiswano ngomba webheyile. Ngokwengxelo yamapolisa, uPhilangenkosi Makhanya, nongumtyholwa ophambili kwityala lokubulawa kukaOlorato, ebekhululwe nge-Bail ngo-Tshazimpuzi walo nyaka, kwityala lokuxhwila nokuphanga. Izimvo zoluntu ziyabethana. Bambi bathi oku kubonisa ukuba bhetye-bheye kwenkqubo yezobulungisa kweli. Ibheyile lilungelo elikhoyo kumgaqo-siseko weli, nelixhamlwa nangowuphi na umtyholwa othe wabanjwa. UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezomthetho, uAdvocate Dumisani Appolos…