trufm Current Affairstrufm Current Affairs

TRUNEWS @6 - An analysis of Zambia elections

View descriptionShare
 

Luyaqhuba unyulo kwilizwe lase Zambia nalapho ezigqatsela isikhundla kwakhona umongameli u Hakainde Hichilema, oneminyaka engamashumi amathandathu anesine ubudala. u Hichilema ubengumongameli kwelilizwe ngonyaka u 2021 ethatha iintambo ku Edgar Lungu ongasekhoyo. Namhlanje sisabona iqhuba imbambano phakathi kukamongameli nosapho lukaLungu nabaxhasi babo, nangona sele wasweleka kunyaka ophelileyo apha eMzantsi Afrika u Lungu. Urhulumente wase Zambia waya enkundleni ukuzama ukuthintela umngcwabo ka Lungu, ngelixa usapho  lwakhe lwalungafuni ukuba umongameli u Hichilema azimase lomngcwabo. Kolunyulo uHichilema uzigqatsa ephikisana nemibutho ekhokhelwa ngu Brian Mundubile nowayengumbhexeshi kurhulumente ka Lungu. Ukuhlalutya isimo sonyulo lwase-Zambia, uAmanda Xhala uthethe nomhlalutyi wemiba yamazwe angaphandle, uGqirha Mkhuseli Vimba...

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,363 clip(s)