I-Arhente yesibonelelo sendodla, uSASSA, uphawule imiyalezo ethe ndii kumakhasi onxibelelwano ngeenkcukacha ezingachanekanga nezilahlekisayo malunga nenkqubo yokwenziwa kwesiqinisekiso sokuphila kwabaxhamli, nenziwa yile arhente ukuqinisekisa abaxhamli bayo. Iinkcukacha ezikumakhasi onxibelelwano zithi njengokuba iqhuba le nkqubo, ziza kunqunyanyiswa izibonelelo. Kodwa ukuba sicaciselwe ngale nkqubo, emnxebeni uAmanlda Xhala ubambe umanejala ophezulu kwicandelo lonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni, uTabisa Nondwayi...