trufm Current Affairstrufm Current Affairs

TRUNEWS @6 - A reaction to calls for immediate dissolution of the PIC Board

View descriptionShare
 

Amanye amaqela opolitiko amemelela kumphathiswa wesebe lemali kuzwelonke, uEnoch Godongwana, ukuba achithe ibhodi yequmrhu lotyalo-mali yabasebenzi bakarhulumente, iPublic Investment Corporation, ukukhusela imali yomhlala-phantsi yabasebenzi bakarhulumente ze emva koko kuchongwe ibhodi yethutyana enyanisekileyo, nenobuchule obufunekayo ukubuyisela intembeko yoluntu kweli qumrhu nelibaluleke kakhulu eMzantsi Afrika. Oku kuza nanjengoko eliqumrhu lijamelene neengxaki zolawulo, nongenelelo lwabezopolitiko kulandela ukunqunyanyiswa kwengqonyela uPatrick Dlamini, nokulahla esikhundleni kwamanye amalungu ebhodi emva kwezityholo ezivele kwingxelo yoodiz'amahlebo. La maqela athi iPIC ayiyiyo eyezopolitiko, okanye imidla yabo yoshishino. Ukushukuxa lo mba,neminye, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela ophuma kumbutho wabasebenzi bakarhulumente, uMadoda Maxakane... 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,328 clip(s)