TRUNEWS@6-AFRICAN RATING AGENCY

 

Amazwe aseAfrika amanyeneyo iAU, amisele i-arhente ethekelela indlela uqoqosho oluqhuba ngayo xa kuthelekiswa namanye amazwe. Ngonyaka ka-2018 iAU yaxhasa ukusekwa kwale-arhente, ze yamiselwa ngokusesikweni kulenyanga ePort Louis, eMauritius. Ukumiselwa kwale-arhente kuza ngexesha amazwe aseAfrika ekhala ngenzala kwimali mboleko. Abatyali mali baxhomekeka ngamandla kwii-arhente ezifana noMoody noFitch, ukuba leliphi ilizwe abanokuchitha kulo imali yabo. UAmanda Xhala uncokole nengcali kwimiba yamazwe angaphandle, ugqirha Siphumelele Duma.