Njengokuba namhlanje siphawula unyaka wesithathu susela ukuba kwabhubha abantwana kwindawo yentselo yase Scenery Park eMonti ebizwa Enyobeni, sithe makhe sibeke isithatha ekuseleni utywala kwabantwana abangaphantsi kweminyaka ekwilungelo lokusela utywala. Kukhe kwakho iingxoxo mpikiswano ngokuba ngubani onelungelo lokuthintela okanye ukudlala indima ekuqinisekiseni ukuba abantwana bayathintelwa ekuseleni okanye ekuzibandakanyeni kwiindibano ezinotywala neziyobisi. Bangamashumi mabini ananye abantwana ababhubha Enyobeni, kwaye kuleveki sikuyo ibhodi elawula ukusetyenziswa kotywala eMpuma Kolini izakubamba ingqungquthela echashene nokuselwa kotywala ngabantwana. Yilento ke sithe masikrwece othethela lebhodi ugqirha Mgwebi Msiya......