Uhlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi yeminye yemiba ephambili ekulindeleke ukuba umongameli Cyril Ramaphosa athethe ngayo kwintetho yakhe engobume besizwe namhlanje. URamaphosa uzakusebenzisa eli thuba ukudakanca izinto azakugxila kuzo urhulumente, izicwangciso zonyaka nokuchaza ngezinto ezenziwe ngurhulumente kunyaka ophelileyo nakwiminyaka egqithileyo. Ngethuba kuvulwa ipalamente kunyaka ophelileyo, emva kokusekwa korhulumente wobumbano, uphuhliso loqoqosho, ukuphuculwa kweziseko nokuqubisana noomasipala abangaqhubi kakuhle, zezinye zezinto ezazihamba phambili kwintetho kaRamaphosa. UAyabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi…