IArente ejongene nezibonelelo zikarhuluntu iSASSA, ithi kuzakubakho ukulibaziseka kwentlawulo kubaxhamli abathile. Oku zinzame zokuqinisekisa iinkcukacha zabo. Eli liphulo lokuqinisekisa ukuba ingaba kukhona okutshintshileyo kwisimo semali, indawo abahlalo kuzo, ukuze ezinkcukacha zaziwe kwa-SASSA. UAmanda Xhala ubambe udliwano ndlebe nomanejala wakwaSASSA eMpuma Koloni uBandile Maqethuka.