Abahlali kuMasipala ombaxa iBuffalo City basaqhubeka nokujongana nomngeni wokuqongophala kwamanzi, ukucima nokubuyiselwa kwawo rhoqo, kunye nenkxalabo enkulu ngomgangatho wamanzi aphuma kwiimpompo zamakhaya abo. Ezinye zendawo ebezethe zachaphazeleka ziquka iMonti, Mdantsane kunye neBhisho. Amanda Xhala uncokola noyintloko kwincandelo lwamanzi ngogutyulo kulo masipala uMkhuseli Nongogo (Hod for water and sanitation)