trufm Current Affairstrufm Current Affairs

News Review | Violence and bullying in schools in the Eastern Cape)

View descriptionShare

Ubundlobongela kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni eMpuma Koloni kuphinde kwangu ndaba mlonyeni. Oku kulandela iziganeko zakutshanje ezixhalabisayo, nezibandakanya abafundi kwezinye zezikolo kweli phondo. KuGompo kuye sibone  kumakhasi onxibelelwano ushicilelo lwe video ebonisa umfundi ebethwa ngabanye abafundi, nto leyo ethe yabangela umsindo kuluntu kunye nemibuzo malunga nokhuseleko ezikolweni. Kanti e Mthatha, amagosa ezemfundo anyanzeleke angenelele emva kwezikhalazo zokuxhatshazwa kwabafundi ezikolweni, ukubala iziganeko nje ezimbalwa. Oku kuphinde kwavusa iingxoxo malunga nendlela ekulawulwa ngayo ezikolweni, indima ekumele yenziwa ngabazali kunye noluntu ngokubanzi, ukuqinisekisa ukuba izikolo zihlala ziyindawo ekhuselekileyo yokufunda.Ayabonga Kekana uncokola noyiChief Director: Education Social Support Services kwiSebe lezemfundo kweli Phondo , uLulamani Zenzile. Kunye nothethela iSGB uLungisa Mahobe.... 

 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,175 clip(s)