NEWS REVIEW| Making sense of the Con Court judgement on IEC vs ANC matter.

View descriptionShare
 

Inkundla yomgaqo-siseko igwebe ngecala le-ANC, nalapho ivumele ukuba abagqatswa balo mbutho abayi-181 nabebekhatyiwe ngaphambili yikomishoni ezimeleyo yezonyulo,  emva kokungeniswa kwamagama abo emva kwexesha ebelisikiwe, ukuba bafakwe kwakho kuluhlu lwabagqatswa. Le nkundla ikwavumele ukwamkelwa kwengxelo efungelweyo efakwe emva kwethuba, ngelithi olu libaziseko lube luncinane, izizathu eziye zafakwa ziyanelisa, kwaye ayikhange idale ukuba kwenzelwe ifeya icala elinye. Esi sigwebo senkundla yomgaqo-siseko, sijika isigqibo senkundla echophela imiba yonyulo neyagweba ngakwicala lekomishoni yonyulo ezimeleyo, i-IEC. Masihlalutye esi sigwebo sijonge iingxoxo ezithe zenziwa kule nkundla, neziphembelele kwesi sigqibo senkundla yomgaqo-siseko. UAyabonga Kekana uye wancokola nengcali yezomthetho uAdvocate Jazz Vilakazi, kwakunye nomakhi mkhanyi kwimiba yonyulo, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,458 clip(s)