Ukombiwa kwemigodi ngumntu okanye liqela labantu eMzantsi Afrika, nababizwa amaxesha amaninzi ngokuba ziiZama Zama, akukho mthethweni, kuba kwenziwa ngabantu abangenazo iilayisenisi zokwenza lo msebenzi. Ukugrunjwa kwemigodi ngaba bantu kusoloko kusayanyaniswa nolwaphulomthetho, kuquka impilo yaba bombi-mgodi nokhuseleko lwabo, ifuthe loku kolusingqongileyo, ukusetyenziswa kwabantwana abaselula nodushe kolu shishino. Kuloko ikomishoni yamalungelo oluntu kweli, iSAHRC ngamafuphi, urhulumente kwanuye nabo bathabatha inxaxheba kulo mba, begqibe kwelokuba babambe uphando olugxile kumgqaqo-nkqubo ongqamene nokombiwa kwemigodi luluntu okanye amaqela abantu kweli, i-artisanal mining ngolwasemzini, ngelokuqinisekisa ukuba lwenziwa kulandelwa umthetho. Kule veki, le komishoni ibibambe umlenze wesibini wolu phando, nalapho ibikwafuna ukuqwalasela ukuba lingakanani na ifuthe loku kuluntu oluhlala kwiindawo ezinemigodi. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe umkhomishinala ophuma kwikomishoni yamalungelo oluntu, uNomahlubi Khwinana...

TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the province
05:57

We speak with the CRL Commission on what should be done to protect congregants from cult churches
09:12

Commuters may have to pay more as fuel hikes affect the taxi industry
06:49