UNdileka Mandela nongumzukulwa wowayesakuba ngumongameli weli, uNelson Mandela, uthi uMadiba ebengazokonwaba yimeko eli lizwe elikuyo. Uthi izinga eliphezulu lorhwaphilizo kwakunye nokungasiwa kweenkonzo eluntwini, azihambisani noko wayekulwela. Ebethetha nabendaba zeSABC eNxukhwebe eMpuma Koloni, nalapho urhulumente wephondo ebephawula usuku lukaMadiba. UAbongile Jantjies usenzela lengxelo.