Ulahlile njengelungu lombutho we-EFF nelasepalamente, uBusisiwe Mkhwebane. Kwimbalelwano ayithumele kumongameli weEFF uJulius Malema, uMkhwebane ubalule ukuba ufuna ukuchitha ixesha nosapho lwakhe. Kwezinye zezinto athe wazibalula kulembalelwano, yindlela amalungelo akhe athe anyhashwa ngayo ngethuba wayengumkhuseli woluntu. Wangena kulombutho kunyaka ophelileyo ngelixa wabayinxalenye yekomiti yezobulungisa epalamente. UAmanda Xhala ubenodliwano ndlebe nomhlalutyi wezopolitiko uBukani Mngoma.