Amabanjwa amahlanu achazwa njenga nobungozi asuka kwiintolongo zaseMelika, athunyelwe kwintolongo yelizwe lase Swatini. Lamabanjwa ajamelene namatyala ohlukileyo aquka ukubulala nokudlwengula abantwana. Amazwe abo okuzalwa yi-Vietnam, Jamaica, Yemen, Cuba kwakunye naseLaos. Urhulumente waseMelika uthe oorhulumente balamazwe lamabanjwa asuka kuwo, bayala ukuwamkela. UAyabonga Kekana uncokole nomhleli weendaba kwiphepha ndaba iSwaziland News, uZweli Martin Dlamini