Inkundla ephakamileyo yaseMthatha echophe ngokukhethekileyo kwinkundla kamantyi eLusikisiki kwiphondo leMpuma Koloni, ive izizathu ezabangela ukubulawa kukasopolitiki we-ANC Kwa-Bhaca, uMncedisi Gijana. UGijana wabulawa ngaphambi kokudutyulwa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana, eLusikisiki kunyaka ophelileyo. Umbuso ugqibe kwelokuba uwadibanise lamatyala mabini. Ukuva ngendlela elityala elihambe ngayo kule veki enkundleni kwanokulindelekileyo ukubheka phambili, emnxebeni masamkele intatheli yethu elilandelayo, uNomzwanele Mngoma...