Usekela mongameli, uPaul Mashatile, uthi uza kubekwa phambili umba wokwenziwa kophando ngokubulawa kuka Chris Hani. UMashatile ukutsho oku kumsitho wokuphawula iminyaka engamashumi amathathu anesibini ( 32) wabulawayo uChris Hani, nobubanjwe apha evekini kwilali iSabalele e Cofimvaba, kwiphondo iMpuma Koloni. Oku kulandela ingxelo yegunyabantu lezotshutshiso, iNPA, yokuba kuza kwenziwa uphando ngoNkosi Albert Luthuli noGriffiths Mxenge. UNomzwanele Mngoma usenzele le ngxelo...