Kuchaphazeleke amaziko amathandathu ezempilo eKariega ngenxa yokubiwa kweentambo zombane, ntoleyo echaphazele iinkonzo ezisiwa eluntwini. Ezintambo zombane zibiwe ngoLwesibini. Izigulane kuye kwafuneka zithunyelwe kwamanye amaziko ezempilo ngelithuba bekusetyenziswa ijenareyitha. Ukanti abarhanelwa ngokwenza oku bafumane umonzakalo wokutsha. UAyabonga Kekana ubambe udliwano ndlebe nomlawuli wezonxibelelwano kwisebe lezempilo uSiyanda Manana.