Abahlali baseTonga eMpumalanga bathi ukwakhiwa kwesikolo iDD Mabuza Comprehensive School kummandla waseNkomazi, kwiminyaka engaphaya kwamashumi amabini eyadlulayo, kwazisa inguqu kwezemfundo kula mmandla uphela. Abahlali baseTonga eMpumalanga bamothulela umnqwazi ongasekhoyo, nowayengusekela-mongameli weli lizwe, uDavid Mabuza, ngokuseka esi sikolo, nesisiso kuphela isikolo samabanga aphakamileyo esijongene nezifundo zemisebenzi yezandla kula mmandla. UMabuza ukwaqhwatyelwe izandla ngegalelo lakhe ekuncedeni kuphuhliso lwecandelo lezemfundo kwela phondo, ingakumbi kwimimandla eyayihlelelekile ngaphambili. UMthobisi Mkhaliphi uza nengxelo ethe vetshe...