Usekela-mphathiswa weSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli, uDickson Masemola, uthi umthetho oyilwayo ongqamene noorhulumente benkazathi, iCoalition Bill ngolwasemzini, kufuneka uqukunjelwe ngokukhawuleza. UMasemola ugxininise ukubaluleka kokupasiswa kwalo mthetho uyilwayo kunyaka wokubanjwa konyulo, ukuze ube semthethweni khon' ukuze ube ngumkhombandlela koomasipala abalawulwa ngenkazathi. Lo mthetho uyilwayo ujoliswe ekwenzeni ukuba ulawulo ngenkazathi phakathi kwamaqela ezopolitiko luqamangele ngokomthetho, usazisa inani elifunekayo kwizihlalo zebhunga, kwaye unciphisa nenkqubo yesiphakamiso sokubonisa ukuphelelwa lithemba, phakathi kwezinye izinto. Lo mthetho uyilwayo ukwavumela usomlomo webhunga ukuba akwazi ukuqesha iqela elizimeleyo eliza kuqinisekisa ukunyaniseka kwesindululo sokukhutshwa kukasomlomo, umbhexeshi, usodolophu okanye isekela lika sodolophu kwi ofisi. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguZara Groenewald...

Latest on US and Iran war
12:19

INTERCHANGE - Book Review with Alulutho Majali the author of the book called "The SEED".)
08:20

TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the province
05:57