trufm Current Affairstrufm Current Affairs

INTERCHANGE - Act of Kindness Campaign 2025 Critical Request: 16 Boys Currently in Initiation Need Immediate Support

View descriptionShare

Ukuya kwamakhwenkwe esuthwini lisiko elibaluleke kakhulu kwaXhosa. Iba yimincili kwiintsapho nezihlobo, kuguywe, kubhiyozwe kubemnandi. Noxa kunjalo, kwamanye amakhaya iba yintlungu kuba engazi ukuba aza kudibanisa ntoni nantoni ukuze unyana wekhaya elo aye entabeni abuye, ze amkelwe ngemibhiyozo. Kungeso sizathu ke umbutho iSakhisizwe School of Tradition, Culture, Leadership, and Excellence, neyiyinkqubo ephantsi kwe-Eastern Cape Men's Movement, igqibe kwelokuba ingenelele, ze incedise ngokuthi icele amalizo kwabo banakho ukuphosa nokuba yintonina, khon' ukuze amakhwenkwe alishumi elinesithandathu, nangabakhwetha sithethanje, afumane uncedo.  Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nosihlalo walo mbutho, uJongi Hoza...  

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

trufm Current Affairs

trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,174 clip(s)