ISebe lophuhliso lwezentlalontle lithumele oonontlalontle kwiilwandle ezintlanu kummandla i-OR Tambo, nabazakuthi bakhathalele abantwana kwakunye namantombazana aselula. Ziliqela iinkonzo abazakuthi banikezele ngazo aba nontlalontle, kuquka ii-arm band, ezizaku zifakwe kubantwana abaneminyaka elishumi elinesibini nangaphantsi, ngeenjongo zokuqinisekisa ukhuseleko lwabo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeno u-Amanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo, uFundiswa Mhlekude...