Amapolisa aseMpuma Koloni aphanda ukulahleka kwabantwana abane abaphakathi kweminyaka emine ukuya kwesixhenxe ubudala, abaduke kwilali yaseMadamini KwaBhaca. Aba bantwana bagqityelwe ukubonwa bedlala ngaphandle kwikhaya labo emini ngeCawe. Ukuva banzi ngalo mba, u-Ayabonga Kekana uncokole nentatheli yeli jelo, u-Nkululeko Nyembezi...